Phind’ Ubhale: Imibongo yesiXhosa
Keywords:
imibongo, umbongo, iindumisoSynopsis
Phind’ ubhale, yincwadi equlathe imibongo emixholo yahlukeneyo kodwa yonke yona inemfundiso. Umbongo ngamnye unemfundiso yawo kunye nomyalezo othi uwushiye kulowo uwufundayo. Isihloko salencwadi sisekelezelwe ekuphuhliseni iilwimi zemveli kwaye sijenge sibheno esicengana noompondo zihlanjiwe bababhali abasaphilayo nabalandulelayo eli, ukuba baphinde babhale. Ukuze zivuseleleke iilwimi zethu zisinde kumaKoloniyali alemihla kwaye siziqhenye ngazo. IsiXhosa esithe sasetyenziswa kulencwadi asintsokothanga kuyaphi kwaye sinezafobe ezingayifihlanga kuyaphi intsingiselo.
Khawuzifundele mlesi, kuba kaloku kwaXhosa kuthiwa eyotyelo yona, ayikholi.
Forthcoming
25 July 2024
Series
Categories
Copyright (c) 2024 African Languages Press
Details about this monograph
ISBN-13 (15)
978-1-998953-27-1
Physical Dimensions
148mm x 210mm x 1mm